Oogunyaziwe bewonga lemboleko-zimali, ukunikwa kwengxelo yoncedo neendlela zokwabelana ngoncedo lwezimali Izibonelo Zemigomo

Oogunyaziwe bewonga lemboleko-zimali, ukunikwa kwengxelo yoncedo neendlela zokwabelana ngoncedo lwezimali. Ngokwamkela uxwebhu lweNtelekelelo yendleko nale Ngxelo yeSivumelwano sangaPhambili, wena uyaqinisekisa ukuba:Sinakho ukuzidlulisa iinkcukacha zesicelo osenzileyo lwezimali kunye nesivumelwano semboleko-mali nakwabaphi na ooGunyaziwe beKhredithi Oku kudibanisa ukungena kunye nokupheliswa kwesivumelwano, imbuyekezo yakho ngokubhekiselele kwiSivumelwano, nokuxelwa kwako nakuphi na ukungathobeli imiqathango yembuyekezo kunye nemihla elindelwe ngayo phantsi kwesi Sivumelwano.Nangona kunjalo, apho sithanda ukuthumela iinkcukacha ezingalunganga ezifana namatyala angabhatalwayo okanye ukunikezelwa ngenxa yamanyathelo asemthethweni athathiweyo, ubuncinane sakukunika iintsuku ezingama-20 zokusebenza zesaziso salo.Oogunyaziwe bekhredithi ezi nkcukacha sizithumelayo bangazisebenzisela ukuziqulunqela ifayile yekhredithi namanqaku oncedo abangakunika wona emva kokudandalaziswa kwewonga lekhredithi yakho kwikhompyutha.Ungaqhagamshelana nee-fisi zooGunyaziwe beKhredithi nanini nay aye unelungelo lokuba kuxelwe irekhodi yakho yekhredithi. Ungacela umngeni ukuba kukho iinkcukacha ezingachanekanga ukuze zibe nokulungiswa apho sinokuba nendlela yokufumana ubungqina obuphathekayo ngobunyaniso beenkcukacha zakho.Amagama ooGunyaziwe beKhredithi neenkcukacha zokuqhagamshelana nabo ukuze kungeniswe ezi nkcukacha ami ngolu hlobo:  Transunion: ifowuni: 011 214 6000 / 0861 482 482 okanye kule meyile: webmaster@transunion.co.za Experian: ifowuni: 011 799 3400 / 0861 105 665 okanye kule imeyile: info@experian.co.za Xpert Decision Systems: ifowuni: 011 645 9100 okanye kule imeyile: info@xds.co.za