Imbuyekezo yakho nendlela esiza kuyisebenzisa ngayo imali oyihlawulayo Izibonelo Zemigomo

Imbuyekezo yakho nendlela esiza kuyisebenzisa ngayo imali oyihlawulayo. Xa ukhetha ukubhatala kwakuqala iintlawulo yasekuqaleni, kufuneka imali uyifake kwiakhawunti ebesikunike yona ye- First National Bank, ubhale nenombolo ywesalathisi esikunikileyo, uze usinike ubungqina bokuba imali uyifakile phami kokuba uyifakelwe kwiakhawunti yakho le mali ubuyibolekile.Izavenge zilindelekile ngexesha leentsuku ezili-14 kusuka kumhla woxwebhu lweNgqikelelo yexabiso, emva koko izavenge ezilandelayo ziza kufuneka qho ngenyanga. Le meko yenzeka ngenxa yeSivumelwano segunya elivela kuwe lokuba qho ngenyanga masitsale imali kwiakhawunti yebhanka olondoloza kuyo. Ngaphandle kwangoDisemba, intlawulo yezavenge iza kutsalwa ngosuku lokwamkela kwakho, okanye ngomhla wokugqibela ekusetyenzwayo ngawo owandulela olu suku xa lona lungempelaveki okanye lungeholide kawonke-wonke, kufuneka ukuba olo suku malungabi phambili kunolo lokutsalwa kwesavenge emvuzweni wakho. Ukuba siqaphele ukuba kukho utshintsho lomhla owamkelayo wena ngawo, okanye lweenkcukacha ze-akhawunti yakho yebhanka, zakulungiselelwa neenkcukacha zokutsalwa kwesavenge emvuzweni wakho. NgoDisemba sinelungelo lokutsala intlawulo yesavenge ngexesha elingaphambili kunelesiqhelo kodwa kufuneka siqale sikwazise ukuze silungiselele, nokuba olo suku siyitsala ngalo alufiki kuqala kunolo siqhele ukutsala ngalo kuwe qho ngenyanga. Nasiphi na isavenge ungasihlawla ngexesha langaphambili singekalindelwa ungakhange wohlwaywe. Imbuyekezo yakho iza kusetyenziselwa ukuzinciphisa izibophelelo zakho ngale ndlela: (i) kusenzelwa inzala elinelweyo okanye engekahlawulwa (ii) iindleko zomsebenzi ezilindelweyo okanye ezingekabhatalelwa kunye (iii) isixa-mali senkunzi obuyibolekiwe efunwayo kuwe.