Iindleko zeMboleko-mali Izibonelo Zemigomo

Iindleko zeMboleko-mali. Ezi ndleko zilandelayo zemali ebolekiweyo ziyabhatalwa:• Inzala ebalwayo ngosuku ngalunye lokusilela kwentlawulo, ibalelwa kwiRhafu yeNzala yoNyaka ize nehlanganiswayo qho ngenyanga ngosuku olunyulwenguwe lokuphinda uhlawule. Itsalwa ukususela ngomhla weSivumelwano okanye wokulungiswa kweSivumelwano oye usivume.• Intlawulo yokuqalisa umsebenzi, iyimali efunelwa amalungiselelo eendleko zesi Sivumelwano Unethuba lokuyihlawula kwasekuqaleni le mali okanye mayidityaniswe kwelona tyala lakho elingummiselo. Ukuba idityanisiwe kwelona tyala elingummiselo, nalapho kuyo kuza kufuneka inzala. Xa ukhetha ukuzibhatala kwasekuqaleni ezi ndleko zomsebenzi, kufuneka imali uyifake kwiakhawunti ebesikunike yona ye-First National Bank, ubhale nenombolo ywesalathisi esikunikileyo, uze usinike ubungqina bokuba imali uyifakile phami kokuba uyifakelwe kwiakhawunti yakho le mali ubuyibolekile. Le mali ayisebenzi apho imali-mboleko entsha iye ithathe indawo yemali-mboleko ebikho okanye apho enye imali-mboleko eyongeziweyo iye ihlawulwe ngokwemigaqo nemiqathango yokutshintsha kweSivumelwano ebesikho.• Iindleko zenkonzo oyinikwayo, zitsalwa qho ngenyanga ngolwaa suku lokuthathwa kwesavenge emvuzwebni wakho, yeyomsebenzi wolawulo lweakhawunti yakho. Xa le mali ungayibhatali ngexesha elifanelekileyo, iza kudityaniswa kule mali ungekayihlawuli ukuze kufakwe nenzala.• Kumnyinyiva ovunyelweyo kwisaHluko sesi-6, kwisiGaba C soMthetho, ukuba nangaliphi na ixesha, ungasilela ngokubhekiselele kwesi Sivumelwano, ulawulo lokusilela neendleko zokuqokelela ezingunobangela wokusilela kwakho ekuthobeleni nayiphi na imiqathango kunye neemeko zesi Sivumelwano kwicala leendleko zoMthetho, ezokuqokelela nezekhomishini kwintlawulo yonke oyenzileyo ukuba lo mbandela udluliselwe kwinkampani yangaphandle eqokelela amatyala okanye egqwetheni. Iindleko ezinjalo ziza kufuneka ngelo xesha zikhoyo ezo zehlo.• Iindleko zenyanga nganye zezavenge ezijongene nesiCwangciso soKhuselo lwesiQu sakho, ukuba wena ukhethe ukuyamkela i-inshorensi yeminyaka yetyala lakho njengoko zichazwa kwicandelo elilandelayo.