Iidilesi nokufunyanwa kwamaxwebhu Izibonelo Zemigomo

Iidilesi nokufunyanwa kwamaxwebhu. Uyavuma ukuba idilesi yalapho uhlala khona osinike yona yileyo kunokuthunyelwa kuyo izaziso zasemthethweni..Uyavuma ukuba iidilesi zokuposa nezemeyile osinika zona zezo sinokuthumela kuzo imbalelwano kunye nemeyile nezinye iindlela zoqhagamshelwano. Oko kuquka , iingxelo ze-akhawunti. Siyaqonda ukuba uqhagamshelwano olunjalo asinakuluthumela kuwe ngemeyile ngahandle kokuba nguwe osinike imvume yokwenza loo nto..Abakwa-Direct Axis baxelele ngembalelwano ngedilesi etshintshileyo nakweyiphi na indlela eyenye yokuqhagamshelana nawe, oko kuquka idilesi yemeyile neenombolo zefowuni..Ukuba uyasilela ekusixeleleni ngedilesi yakho etshintshileyo, singasebenzisa idilesi esinayo yendawo yokugqibela obuhlala kuyo, akukhathaliseki nokuba le dilesi ayisachanekanga ngokweenkcukacha.Uyavuma ukuba uza kuthathwa njengosifumeneyo isaziso okanye ileta ezintsukwini ezi-5 (ezintlanu) emva kokuba siyiposele kuwe okanye ezi-2 (ezibini) emva kokuthmela kwethu imeyile kuwe.