I-inshorensi yexesha lokuhlawulwa kwemali ebolekiweyo Izibonelo Zemigomo

I-inshorensi yexesha lokuhlawulwa kwemali ebolekiweyo. Sifuna ukuba uyilondoloze i-inshorensi ejongene neminyaka yetyala lakho ukuze imelane nentlawulo yezibophelelo zakho ezisakusaleleyo phantsi kwesi Sivumelwano nangaliphi na ixesha, yaye kuthiwa singaBamkeli beLahleko phantsi kwale polisi.Kule meko sinikezela ngesiCwangciso soKhuselo lwesiQu sakho ukuze umelwe yiChannel Life Insurance Company Ltd esabelana noDirect Axis ngendlela elungileyo yokusebenza kwezi polisi. I-Direct Axis ngumbolekisi ogunyazisiweyo ukuba sithengise i-inshorensi yobomi, esithi sikunikezele kuyo i-inshorensi yembuyekezo yobuchule.Ebonelela ngokukuhlawulela ityala lonke eliyimali obuyibolekile (kungahlangaiswanga iindleko zokusilela kwakho kwintlawulo nezinye ke), nangaliphi na ixesha lesi siVumelwano.Oku kuhlawulelwa uza kubonelelwa ngako xa ubhubhile, ukhubazekile unaphakade okanye xa uxilongiwe wafunyaniswa unesifo esithile esinobungozi esifana nomhlaza, isifo sentliziyo, ukufa kwamalungu omzimba, isifo seswekile,ukusilela kwezintso,ubumfama, ilungu lomzimba elingenakube lisebenze, ukutsha kakhulu nokufa isiqaqa. Le khampani iyakumela naxa kufuneka utyando olunxulumene nentliziyo noqhaqho-fakelo lwamalungu athile omzimba.Kwakhona esi sicwangiso siyazihlawulela izavenge ezisafunekayo xa wena usakhubazekileyo okwexeshana okanye ngenyanga ezi-6 (ezintandathu) ezisemva kokudendwa kwakho emsebenzini, okanye ngeenyanga ezi-6 (ezintandathu) zokungabi nangeniso kwakho xa ungumntu oziqeshileyo ngokwakhe). Kwakhona esi sicwangciso sibonelela ngentlawulo engephi yezavenge ngeenyanga ezi-3 (ezintathu) ezisemva kogwayimbo olukhuselweyo.Abadla umhlala-phantsi okanye abanye abantu abangafumani mvuzo kuba bengasebenzi abafanelanga kufumana isibonelelo sokukhubazeka ixeshana okanye ngokusigxina okanye isibonelelo sokudendwa okanye soqhankqalazo. Ngapha koko, zikhona ezinye izinto ezingafakwanga, umzekelo, ukuba akukho mabango aza kuqwalaselwa ngezi meko zilandelayo okanye izehlo ezenzeka ngenxa yoko• Xa uzibulele okanye uzame ukuzibulala okanye uzenzakalise ngabom ngexesha eliziinyanga ezingama-24 (ezingamashumi amabini anesine) emva kokungena kwakho kwesi Sivumelwano.• Xa uqhuba isithuthi uphantsi kweempembelelo zesiselo esinxilisayo njengotywala okanye iziyobisi ezidakumbisayo okanye ukuzisebenzisa ngamandla ezo zinto.• nasiphi na isigulo, ukwenzakala okanye nayiphi na enye imeko efana nesifo sentliziyo, umhlaza, ukufa kwamalungu omzimba, okanye isifo seswekile, ukumkelwa ziingqondo kunye/okanye ukuphazamiseka kwengqondo, okanye okunye ukhubazeka...