Abaqeshwaakufuneki bazigcine Izibonelo Zemigomo

Abaqeshwaakufuneki bazigcine save) iikopi zeenkcukacha zabantu idatha eziinkcukacha enxulumene nabo kwiikhompyutha zabo. Makusolokokufikelelwa yaye kuhlaziywa i-central copy yayo naziphi na iinkcukacha zomntu. 7.4. Ukugcinwa kweenkcukacha7.4.1. Le mithetho-siseko ichaza ukuba zingagcinwa njani phi ngokukhuselekileyo iinkcukacha zomntu. Imibuzo malunga nokugcinwa ngokukhuselekileyo kweenkcukacha zomntu ingabhekiswa kwigosa lengcaciso kwisekela gosa lengcaciso. 7.4.2. Xa inkcukacha zomntu zigcinwe ephepheni, kufuneka zigcinwe kwindawo ekhuselekileyo apho abantu abangagunyaziswanga bengenakuzibona okanye bafikelele kuzo. Ezi zikhokelo ziyasebenza nakwiinkcukacha zomntu ezihlala zigcinwe ngekhompyutha kodwa ziprintwe (printed) ngesizathu esithile.a) Xa zingeyomfuneko, iphepha okanye iifayili kufuneka zigcinwe kwidrowa etshixiweyo okanye kwikhabhinethi yokufayilisha. Apho iinkcukacha ezihlelwe njenge-ZIYIMFIHLELO , kufuneka kubekho imiqathango yokufikelela kwiinkcukacha yaye makulogwe (logged) ngokusayina ).b) Abaqeshwa kufuneka baqinisekise ukuba amaphepha kunye nezinto eziprintiweyo azishiywanga apho zinokuzibonwa ngabantu abangagunyaziswanga, ezifana neprinta okanye umatshini wokufotokopa.c) Amaphepha aprintiweyo (printouts) aqulethe iinkcukacha zabantu kufuneka atshatyalaliswe/akrazulwe acukucezwe (shredded) kwangoko yaye alahlwe ngokukhuselekileyo xa engasafuneki ngenjongo ebekulungiselelwe yona. 7.4.3. Xa iinkcukacha zabantu zigcinwa kwikhompyutha, kufuneka zikhuselwe ekubeni kufikelelwe kuzo ngokungagunyaziswanga, ekucinyweni ngengozi, kunye nakwimizamo yokubiwa kweenkcukacha kwikhompyutha okunobungozi (hacking):a) Konke uokugcinwa kweenkcukacha kwikhompyutha kufuna ulawulo lokufikelela kuzo okulingana neenkqubo zokuveliswa kwazo neendlela zokukhusela iifayili ezifana nokubhalwa ngeekhowudi ezifihlakeleyo (encryption) ekufuneka zisetyenziswe.b) Bonke abafikelela kwikhompyutha mabaloge (logged) ngokusayina.c) Iinkcukacha zabantu kufuneka zigcinwe kwikhompyutha ezizii-drivers kunye neeseva (servers) ezichongelwe oko yaye kufuneka zikhutshelelwe (uploaded) kuphela kwiinkonzo ezivunyiweyo zekhompyutha ezizii-cloud computing services.d) Ukugcinwa kweenkcukacha kwiidivayisi ezibonakalayo, kubandakanya kodwa kungaphelelanga kwi-Universal Serial Bus (USB) ii-flash drive (imemoristikhi), ii-external hard drive, ii-Compact Disc (iiCD) okanye i-DigitalVideo Discs (DVDs) kufuneka kuvunywe kwangaphambili ligosa lengcaciso okanye ngulowo kudluliselwe kuye amagunya.e) Ukuba iinkcukacha zomntu zigc...